[Read "The Wonderful  Discovery" in Your Language ]

[Read the Four Spiritual Laws in Your Language ]

UMNTU ONGUMKRISTU ANGANETYILELO ENGUMANGALISO YONKE IMIHLA xa ebazi ubume bokuzaliswa nguMoya oyiNgcwele, wothi ahlale njalo amaxesha ngamaxesha phantsi kolawulo lweemfefe zaKHE. IBhayibhile isixelela ukuba kukho iintlobo ezintathu zabantu.

1. UMNTU WEMVELO (Lowo ongekamamkeli uKristu). 
"
Owemvelo ke umntu akazamkeli izinto zoMoya kaThixo, kuba zibubudenge kuye; Kanjalo akanakuzazi, ngokuba ziphicothwa ngokoMoya." ( I Korinte 2:14).  

UBOMI OBULAWULWA BUBUQU BAM

M Ubuqu bam etronini.

UKristu ungaphandle ebomini bam.

Iziyolo ezilawulwa ndirn, isiphumo ziziphithiphithi nentlupheko.

2. UMNTU WOMOYA (Umntu olawulwa nophiwa amandla nguMoya oyiNgcwele). 
"
Ke ongowoMoya okunene uphicotha zonke izinto..."
(I Korinte 2:15).

law4.2.gif (4586 bytes) UBOMI OBULAWULWA
NGUKRISTU
UKristu esihialweni sobomi.
M

Ubuqu buthotyelwe  phantsi.

Iziyolo ziphantsi kolawuio luka Thixo isiphumo lulonwabo olukhulayo kunye necebo lika Thixo.

3. UMNTU WENYAMA (Umntu omamkeleyo uKristu, kodwa uphila ubomi bokoyiswa, kuba uthembe imizamo yakhe ukuze aphile ubomi bobuKristu.)

law4.5.gif (4425 bytes) UBUMI UBULAWULWA NGA-MNA
M Mna etronini
Ukristu uthotyiwe etronini.
Izlyolo zilwulwa bubuqu bam, isiphumo kukungabikho kocwangco nentiupheko.

"Nam ke, bazalwana, be ndingenakuthetha kuni nje ngakwaboMoya; be ndinokuthetha nje ngakwabenyama, nje ngakwabazintsana kuKristu. Ndaniseza amasi, andaninika kudla kuqinileyo; kuba nibe ningekabi nakomelela, unangoku anikabi nako. Kuba nisengebenyama, oku nje kukhoyo phakathi kwenu umona, neenkani, neembambaniso, aningabenyama na? Anihambi ngokwabantu na?

1. UTHIXO USILUNGISELELE UBOMI BOBUKRISTU OBUGQITHISELEYO NOBUNESIQHAMO.
  • UYesu waathi, "Mna ndizele ukuze babe nobomi, babe nabo ke ngokugqithiseleyo." (Yohane 10: 10).

  • "Umdiliya ndim, nina ningamasebe; lowo uhleli kum, ndibe mna ndihieli kuye, yena uthwala isiqhamo esininzi, ngokuba, ningekum aninakwenza nto." (Yohane 15:5).

  • "Ke sona esoMoya isiqhamo luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa, akukho mthetho uchasene nezinto ezinjalo." (Kuma-Galati 5:22, 23).

  • "Niya kwamkela ke amandla, akubona ukuba uMoya oyiNgcwele uhlile phezu kwenu; nibe ngamanqhina am eYerusalem, kwa nakulo lonke elakwaYuda nelaseSamariya, kude kuse nasekupheleni komhlaba." (Izenzo 1:8).


UMNTU WOMOYA - limpawu zobuatu sisiqhamo sokuthemba uThixo:

NguKristu osesihtalweni.

Uphiwa amandia nguMoya oyiNgcwele.

Wazisa abanye KuKristu.

Unamandia ebomini bo mthandazo.

Uya liqonda iLiwizi ukaThixo.

Uthemba uThixo.

law4.2.gif (4586 bytes) Uthando

Uvuyo

Uxolo

Umonde

Ububele

Intembeko

Ubulunglsa

Umgama ezithi ezimpawu zibonakale ngawo ebomini uxhomekeke kumandla athi uMkristu ayithembe iNkosi ngazo zonke iindleia zobomi bakhe, nokuba uvuthwe kangakanani na ebuKristwini. Osaqlalayo ukuqonda ngemfundiso yoMoya oyiNgcwele makangadakumbi xa engekafikeleli kumgangatho wamaKristu esel' evuthiwe, anolwazi nanamava ngaie nyaniso ixesha elide.

Kungani inkoliso yarmKristu ingenawo la mava obomi obugqithiseleyo

2. AMAKHOLWA ENYAMA AKANAKO UKUBA NAMAVA OBOMI OBUGQITHISELEYO NESIQHAMO SOBOMI BOBUKRISTU.

Umntu wenyama uthembe imizamo yakhe ukuze aphile ubomi bobuKristu.

A. Kunokwenzeka ukuba akaxelelwanga, okanye ulibele ngothando, uxolelo, namandla kaThixo. (Roma 5:8-10; Hebere 10:1-25, I Yohane 1: 2:1-3; II Petros 1:9; Izenzo 1:8) .

B. Unamava oMoya oyiNgcwele angamahla ndinyuka.

C. Akanakho ukuziqonda yena ngokwakhe - uthanda ukwenza okulungileyo, kodwa akanakho.

D. Akaphumeleli ukucaphula amandia oMoya oyiNgcwele ukuze ahlale ubomi bobuKristu. (I Korinte 3:1-3; Roma 7:15-24; 8:7; Galati 5:16-8).

UMNTU WENYAMA - Inxalenye okanye zonke ezi zilandelayo, ziimpawu zoMkristu ongamthembiyo uThixo ngokupheleleyo:

Ukuswela ulwazi malunga nelifa lakhe loMoya oyiNgcwele.

Ukuswela inkolo.

Ukuswela imbeko.

Ukulahlekelwa luthando ngakuThixo nakwabanye.

Ubomi bokuthandaza obuphantsi.

 Ukungabi namnqweno wokufunda, iBhayibhile.

law4.5.gif (4424 bytes) Umkhwa onqhwabalala womthetho.

Lingcinga ezingendawo.

Umona.

Ubutyala besazela .

Ixhala.

Ukudakumba.

Umoya onyembayo.

Ukuhlupheka.

Ukungabi nanjongo.

(Umntu ozibiza ngokuthi unguMkristu kodwa ephikelele ukwenza isoono, usenokungabi nguMkristu nje konke, ngoku bhalwe ngu I Yohane 2:3; 3:6, 9; Efese 5:5).

Inyaniso yesithathu isinika icebo lokuphuma kule ngxaki.

3. UYESU WATHEMBISA NGOBOMI OBANELEYO NOBUNEMPUMELELO OBUSIQHAMO SAWO SIKUKUZALISWA (UKULAWULWA NOKONGEZWA AMANDLA) NGUMOYA OYINGCWELE

Ubomi obuzaliswe nguMoya oyiNgcwele bubomi obulawulwa nguKristu, athi ngabo uKristu aphile ubomi kuthi nangathi emandleni oMoya oyiNgcwele.

A. Umntu uba nguMkristu ngokusebenza koMoya oyiNgcwele, ngokukaYohane 3:1-8. Ukusukela kwixesha lokuzalwa kwakhe ngokoMoya, uMkristu uthiwe wambu nguMoya oyiNgcwele lonke ixesha (Yohane 1: 12; Kolose 2:0; 10; Yohane 14:16, 17).

Noxa onke amaKristu ethiwe wambu nguMoya oyiNgcwele, asingawo onke amaKristu azaliswe (alawulwa ongezwa namandla) nguMoya oyiNgcwele.

B. UMoya oyiNgcweie ngumthombo wobomi obumpompozayo. (Yohane 7:37-39).

C. UMoya oyiNgcwele weza ukuza kuzukisa uKristu (Yohane 16:13-14). Xa umntu azaliswe nguMoya oyiNgcweic ungumlandeli kaKristu wokwenene.

D. Ngokomyalelo wakhe wokugqibela phambi kokuba anyukele ezulwini, uKristu waathembisa ngamandia oMoya oyiNgcwele ozakusinceda ukuba sibe ngamangqina akhe. (Izenzo 1:1-9).

Umntu angazaliswa niani ke nguMoya oyiNgcwele?

4. SIZALISWA (SILAWULWA SIDE SONGEZELELWE AMANDLA) NGUMOYA OYINGCWELE NGOKHOLO: NGOKO KE SINGANALO ULUVO LOBOMI OBANELEYO NOBUNEMPUMELELO ABUTHEMBISILEYO UKRISTU KUMKRISTU NGAMNYE

Ungazithabathela oku kuzaliswa nguMoya oyiNgcwele khona ngoku ukuba ngaba:

A. Unomqweno ngokwenene wokulawulwa nokongezelelwa amandla nguMoya oyiNgewele (Mateyu 5:6; Yohane 7:37-39).

B. Zivume izoono zakho. Ngokhoto bulela kuThixo kuba eakuxolele zonke iizono zakho ezidluleyo, ezelixesha nezexesha elizayo - ngokuba uKristu wakufela. (Kolose 2:13-15; 1 Yohane 1; 2:1-3; Hebere 10:1-17).

C. Ngokholo zifunele ukuzaliseka koMova oyiNgcwele nje ngelungelo lakho ngoko:

1. UMYALELO WAKHE - Zaliswa nguMoya oyiNgewele. "Kanjalo musani ukunxila yiwayini ekukhoyo kuloo nto ukuzibubisa; manzaliswe nguMoya." (Efese 5:18).

2. ISITHEMBISO SAKHE - Uyakusoloko esiphendula xa sithandaza ngokokunqwena kwakhe. "Kuko oku ukungafihiisi esinako kuye: ukuba sithi sicele into ngokokuthanda, kwakhe uyasiva. Ukuba siyazi okokuba uyakuva esisukuba sikucela, siyazi ukuba sinazo izinto ezicelwayo, esizicelifeyo kuye." (1 Yohane 5:14, 15).

Ukholo lungabonakaliswa ngokuthandaza . . .

 

UNGATHANDAZA NJANI NGOKHOLO UKUZE UZALISWE NGUMOYA OYINGCWELE

Sizaliswa nguMoya oyiNgcwele ngokholo kuuphela. Noxa kunjalo, umthandazo wokwenene yenye indlela yokubonakalisa ukholo lwakho. Lo ulandelayo ngumthandazo ongawuthandaza:

"Bawo Othandekayo, ndiya kufuna. Ndiyavuma ukuba ubomi bam bendibulawula ngokwam, ndaba ndonile njalo kuwe. Ndiyabulela ngokuba undixolele izoono zam ngokufa kukaKristu emnqamlezweni efela mna. Ngoku nje ndimema uKristu ukuba abuye athabathe isihialo setrone yobomi bam. Ndizaliswe ngoMoya oyiNgcwele nje ngoko wayalelayo ukuba ndizaliswe, nanje ngokuba wathembisayo eLizwini lakho ukuba uya kwenje njalo xa ndicela ngokholo. Ndicela oku egameni likaYesu. Ukubonakalisa ukholo lwam, ndiyakubulela ngoku ngokulawula ubomi bam nangokundizalisa ngoMoya oyiNgcwele."

Ingaba lomthandazo uchaza umnqweno wentliziyo yakho na? Ukuba kunjalo, qubuda uthandaze, uthembe uThixo ukuba uyakukuzalisa ngoMoya oyiNgcwele khona ngoku.


UNGAZI NJANI UKUBA UZALISWE (ULAWULWA WONGEZELELWE AMANDLA) NGUMOYA OYINGCWELE.

Wakha wamcela na UThixo ukuba akuzalise? Uyazi na ngoku ukuba uzaliswe nquMoya oyiNgcwele? Wazi ngaliphi igunya? (Ngokuthembeka kukaThixo ngokwakhe neLizwi lakhe: Hebere 11:6; Roma 14:22, 23).

Musa ukuxhomekeka kwizimvo zakho. Isithembiso seLizwi likaThixo ingasizizo izimvo zethu, ligunya lethu. UMkristu uphila ngokholo ithemba) ekuthembekeni kukaThixo ngokwakhe neLizwi lakhe. Lomfanekiso kaloliwe ubonisa ubuhlobo phakathi kweyona nto iyinyaniso (UThixo neZwi lakhe), nokholo (ukuthemba kwethu uThixo neZwi lakhe), kunye nezimvo (isiphumo sokholo kunye nentobeko yethu) (Yohane 14:21).

 


Intloko kaloliwe isenako ukuhamba nokuba alikho ikhareji langasemva. Kodwa, ingabubuyatha ukulinga ukutsala uloliwe ngekhareii langasemva, Ngoku kwanjalo nathi, nje ngamaKristu asinako ukuxhomekeka kwizimvo zethu okanye uvuyo lwethu, kodwa sibeka ithemba lethu ekuthembekeni kukaThixo nakwizithembiso zeZwi lakhe.


UNGAHAMBA NJANI KUMOYA

Ukholo (ukuthemba uThixo nezithembiso zakhe) le Iona thuba angathi uMkristu aphile ubomi obulawulwa nguMoya oyiNgcwele. Xa uthi umthembe njalo uKristu amaxesha ngamaxesha:

A. Ubomi bakho bungabonakalisa ngakumbi okwesiqhamo soMoya oyiNgcwele (Galati 5:22-23), ngokunialo buya kufuza umfanekiso kaKristu (Roma 12:2; 2 Korinte 3:18).

B. Ubomi bakho bomthandazo kwa nokuphicotha kwakho iLizwi likaThixo kuyakucaca ngakumbi.

C. Uya kuweva amandla akhe ekungqineni kwakho (Izenzo 1:8).

D. Uyakube ulungele imfazwe yoMoya echase ilizwe (I Yahane 2:15-17); echase inyama (Galati 5:16, 17); nechase umtyholi (I Petrose 5:7-9; Efese 6:10-13).

E. Uyakuweva amandla akhe okumelana nesilingo nesoono I Korinte 10:13; Filipu 4:13; Efese 1:19-23; 6:10; 2 Timoti 1:7; Roma 6:1-16).


UKUPHEFUMLA NGOKOMOYA

Ngokuba ngokholo ungasoloko uluva uthando kwanoxoleto lukaThixo. Ukuba uyaphawula ukuba ikhona indawo ebomini bakho (umkhwa okanye isenzo) engayikholisiyo iNkosi, noxa uhamba nayo, unqwena ngokwenene ukuyikhonza, ngokulula bulela uThixo kuba ekuxolele izoono zakho ezidluleyo, ezelixesha nezexesha elizayo - ngokwesiseko sokufa kukaKristu emnqamiezweni. Banga uthando noxolelo Iwakhe ngokholo ukuze ube nobudlelwane nialo naye.

Ukuba ubuye wathabatha isihialo setrone yobomi bakho ngenxa yesoono owona mkhwa wokungabi nantobeko phefumia ngokoMoya.

Ukuphefumia ngokoMoya (ukukhupha uMoya oncholileyo nokungenisa umoya onyulu), kungumsebenzi wokholo owenza ukuba wena ube namava othando noxolelo lukaThixo ngawo onke amaxesha.

1. Ukukhupoa umoya ombi - vuma izoono zakho - vumelana noThixo malunga nesono sakho umbulele ngokusixolela kwakhe, nje ngoko kubhaliwe ku I Yohane 1:9 nakumaHebere 10:1-25. Imvumo ibandakanya inguquko - ukutshintsha umkwa nesenzo.

2. Ukungenisa umoya omtsha - nikela ulawulo lobomi bakho kuKristu, ukuze wamkela ukuzaliseka koMoya oyiNgcwele. ngokholo. Themba ukuba Yena ngoku ulawula, ekongezelela amandla, ngokomyalelo okwabase - Efese 5:18 nesithembiso sika I Yohane 5:14, 15. 


UKUBA LENCWADANA IBE LUNCEDO KUWE NCEDA UYINIKE OKANYE UYIFUNDELE OMNYE

Izigidi zezincwadana, "SOWUKHE WAQAPHELA NA IHLEBO ELINGUMANGALISO LOBOMI OBUZALISWE NGUMOYA OYINGCWELE?" sezisasazwe ngeelwimi eziliqela emhlabeni wonke. Ngenxa yaloo nto amawaka amaKristu sele fundile ngamava amandla nolawulo loMoya oyiNgcwele amaxesha ngamaxesha. Ngenxa yobomi obaneleyo obuthenjiswa nguKristu, abanamava abo nabo ngoku,  banamandla okwabela abanye ngokholo Iwabo kuKristu. AmaKristu amaninzi, xa selefundile ngale nyaniso malunga noMoya oyiNgcwele afuna ukuzibandakanya ekuvakaliseni uKristu nokuncedisa ukuzalisekisa uMyalelo oMkhulu kwisiZukulwana setnu. 
WILLIAM BRIGHT, president, Campus Crusade for Christ International.

Sikhuthaza ukuba lencwadana ma isetyenziswe kodwa ukugcina umgangatho nokukhusela ukuba kungabikho zindawo zitshintshwayo, lencwadi okanye iindawoezithile zayo,azinakho ukuba zingapapashwa ngaphandle kwemvume ephuma kwi - 

International Headquarters of Campus Crusade for Christ International
 Campus Crusade for Christ of South Africa P.O. Box 13046 
Northmead, Benoni, TvI

 


ADDITIONAL ASSISTANCE

Whether you've prayed to be Filled with the Holy Spirit or still have some questions, please click here and tell us about it. We would love to hear from you and help you grow in your faith!

 

© 1995-2001 Campus Crusade for Christ International
Questions and Comments are always welcome!
http://www.jesuswho.org/spirit/xhosa/default.htm
webmaster@jesuswho.org last updated: 18-08-2006